14 Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova. Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum.
15 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Ukuba ndithe ndakuxelela, àkuyi kundibulala undibulale na? Nokuba ndithe ndakucebisa, àkuyi kundiphulaphula.
16 Ukumkani uZedekiya wamfungela uYeremiya ngasese, esithi, Ehleli nje uYehova, owasenzela lo mphefumlo, inene, andiyi kukubulala, andiyi kukunikela ezandleni zaloo madoda awufunayo umphefumlo wakho.
17 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba ùthe waphuma ukuphuma oku, waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wóphila umphefumlo wakho, nalo mzi ungàtshiswa ngomlilo; uphile wena nendlu yakho;
18 ke ukuba uthe akwaphuma uye kubathetheli bokumkani waseBhabheli, lo mzi wonikelwa esandleni samaKaledi, awutshise ngomlilo, wena ke ungasindi esandleni sawo.
19 Ukumkani uZedekiya wathi kuYeremiya, Ndinesithukuthezi ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam.
20 Wathi uYeremiya, Akayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaYehova, ngokoko ndilithethileyo kuwe; kolunga kuwe, uphile uphefumlo wakho.