5 Impi yamaKaledi yabasukela, yamfikela uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yamthabatha, yenyuka naye, yamsa kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, eRibhela ezweni laseHamati; athethwa khona amatyala akhe.
6 Ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya eRibhela emehlweni akhe; nabanumzana bonke bakwaYuda wababulala ukumkani waseBhabheli.
7 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba asiwe eBhabheli.
8 AmaKaledi ayitshisa ngomlilo indlu yokumkani nezindlu zabantu, azidiliza neendonga zaseYerusalem.
9 Amasalela abantu abaseleyo phakathi komzi, amaphamba aphambeláyo kuye, kwanamasalela abantu abaseleyo, wabafudusela eBhabheli uNebhuzaradan umthetheli wabasiki;
10 ke inxenye yabantu abazizisweli, abangenanto iyinto, uNebhuzaradan, inkulu yabasiki, wayishiya ezweni lakwaYuda, wayinika izidiliya namasimi ngaloo mhla.
11 Ke kaloku, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli wawisa umthetho ngoYeremiya ngesandla sikaNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, esithi,