1 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
2 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.
3 Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe.UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.
4 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke.
5 Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.