12 Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.
13 Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli:
14 Ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo.
15 Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.
16 Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula.
17 Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem?
18 Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululèle thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.