10 Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
11 Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.
12 Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.
13 Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.
14 Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15 Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.
16 Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?