1 Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo.
2 Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.
3 Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam,
4 kuba andizazeleli nto; noko andigwetyelwe koko; ondincinayo ke yiNkosi.
5 Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
6 Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.
7 Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga?