16 Nakanye! Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, úmzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye.
17 Ke onamathele eNkosini, úmoya mnye nayo.
18 Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.
19 Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
20 Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.