8 Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo.
9 Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.
10 Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa;
11 kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
12 Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
13 Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.