8 Kungoko ndiniyalayo, ndíthi, luzinziseni uthando kuye;
9 kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke.
10 Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenzé ngenxa yenu, phambi kukaKristu;
11 ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.
12 Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini,
13 andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndaya kwelaseMakedoni.
14 Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke.