11 Síkwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; síbonakalalisiwe ke kuThixo, ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe.
12 Kuba asibuyi siziyaleze kuni; sininika ithuba lokuzingca ngathi; ukuze nibe nalo ilizwi ngakwabo bazingcayo ngobuso, bengazingci ngantliziyo.
13 Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu.
14 Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;
15 wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.
16 Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namanye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.
17 Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.