6 Qondani ke le nto: Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.
7 Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.
8 Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo;
9 njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Wasasaza, wapha abasweleyo;Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.(INdum. 112:9)
10 Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu;
11 nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.
12 Ngokuba ulungiselelo lwaló mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo;