3 Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
4 Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.
5 Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta?
6 Ke úbabala kakhulu ngakumbi. Kungoko síthi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.
7 Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.
8 Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa.
9 Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba.