14 Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumáyo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.
15 Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.
16 Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawèla nelanga, nabunye ubushushu;
17 ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalúsa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.