28 Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.
29 Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni.
30 Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango.
31 Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;
32 owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos.
33 Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na.
34 Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.