1 Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ùvunyelwe ukuba uziphendulele.Wandula uPawulos waziphendulela, esolule isandla, wathi:
2 Ndiva kamnandi, kumkani Agripa, ndiza kuziphendulela nje phambi kwakho namhla, ngazo zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda;
3 ngokukodwa ekubeni usazana nawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakuthandaza ukuba undive, undinyamezele.
4 Ukuhlala kwam ke kwasebuncinaneni bam, okwabakho kwasekuqalekeni phakathi kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayakwazi onke amaYuda;
5 endazi ngenxa engaphambili (ukuba athe athanda ukungqina), okokuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi.
6 Nangoku ndimi ndimangalelwa ngenxa yethemba ledinga elabekwa nguThixo kobawo;
7 ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko ubusuku nemini; ekungenxa yelo themba endimangalelwayo ngamaYuda, kumkani Agripa.