10 Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma.
11 Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.
12 Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu,
13 emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabò babehamba nam.
14 Sìthe ke sakubon' ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.
15 Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.
16 Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;