29 Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile* zané esinqeni somkhombe, banga kungasa.
30 Ke kaloku, bakubon' ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengáthi baza kuyekelela iankile ngaphambili,
31 wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.
32 Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.
33 Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesiné nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;
34 ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.
35 Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.