33 Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesiné nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;
34 ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.
35 Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.
36 Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.
37 Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.
38 Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.
39 Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.