9 Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;
10 bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.
11 Ke kaloku, sakubon' ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni* ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.
12 Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenzé wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?
13 UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon' ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.
14 Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.
15 Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.