7 Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu.
8 Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.
9 Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.
10 Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya.
11 Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi. Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubúzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;
12 waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone.
13 Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenzé kwabangcwele bakho eYerusalem;