23 Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
24 Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
25 Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
26 Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.
27 Kuba kubhaliwe kwathiwa,Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.(UIsaya 54:1)
28 Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
29 Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.