27 Kuba kubhaliwe kwathiwa,Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.(UIsaya 54:1)
28 Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
29 Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.
30 Síthini na ke sona isibhalo? Síthi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
31 Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.