2 Okanye angé engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono?
3 Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka.
4 Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
5 Kungoko, akùngena ehlabathini, athi,Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla,Ke ùndilungisele umzimba;
6 Amadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akukholiswanga ngawo.
7 Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza(Encwadini esongwayo kubhalwe ngam),Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.(INdum. 40:6-8)
8 Esithi nje ngentla, Imibingelelo, neminikelo yokudla, namadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akuwathandanga, akukholiswanga ngawo (wona lawo asondezwayo ngokomthetho),