1 Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe,
2 luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge ntonye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye;
3 ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.
4 Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.
5 Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:
6 yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;