3 ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.
4 Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.
5 Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:
6 yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;
7 usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;
8 wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
9 Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;