1 UPawulos, umpostile* kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana,
2 ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3 Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo,
4 sívile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,
5 ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo;
6 zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenyaniso;
7 njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintánda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu;