4 Ke kaloku, kulowo usebenzayo, umvuzo àwubalelwa ngokwaselubabalweni; ubalelwa ngokwasekubangweni.
5 Ke kulowo ùngasebenziyo, ùthi akholwe kuye omgwebelayo lowo ungahloneli Thixo, ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni;
6 kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi, esithi,
7 Banoyolo abazigqitho zixolelweyo,Abazono zigutyungelweyo;
8 Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.(INdum. 32:1,2)
9 Olo luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na? Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.
10 Lwathiwani na ke ngoko ukubalelwa kuye? Esekwalukeni, esekungalukini, sini na? Engekhona ekwalukeni; esekungalukini.