20 Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?
21 Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
22 Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.
23 Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
24 Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!
25 Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongèze ebukhulwini bakhe ikubhite* ibe nye?
26 Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?