29 Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;
30 xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.
31 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.
32 Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.
33 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.
34 Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.
35 Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.