14 Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
15 Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.
16 Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.
17 Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.
18 Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
19 Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
20 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.