1 Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, wanduluka kwelaseGalili, weza emideni yelakwaYuda, phesheya kweYordan.
2 Zamlandela izihlwele ezininzi, waziphilisa apho.
3 Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?
4 Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana, wathi,
5 Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
6 Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
7 Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?