5 Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama àbaluqiqa.
6 Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.
7 Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.
8 Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
9 Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.
10 Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.
11 Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.