3 Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.
4 Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam.
5 Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.
6 Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate* ezimbini nantathu.
7 Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.
8 Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.
9 Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.