1 Ndophuma ndime emboniselweni yam,ndothi ngxishi phaya enqabeni,ndibonisele ndive oko akuthethayo kum,nempendulo yakhe kwisimangalo sam.
2 *UNdikhoyo undiphendule esithi:“Wubhale lo mbono –wukrole ngokucacileyo emacwecweni,ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.
3 Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,ibe ke awuyi kuphosisa.Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.
4 “Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.
5 Yona iwayini iyakhohlisa;umntu imenza azidle angazinzi.Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,nqwa nokufa soze ahluthe,nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,azibuthele kuye izizwe zonke.
6 “Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,bahlekise ngaye bemenza isigculelo,besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!Yaz'ba koda kube nini na kunje?’