15 “Mawoo ububi bomntu oseza ummelwane wakhe,lowo umkhelela utywala kumphanda wakhe,amseze ade ayayatheke kukunxila,aze ke abukele ihlazo lobuze bakhe.
16 Uya kugutyungelwa lihlazo, ingebubo ubungangamsha.Nawe sela unxile ugxadazele.Iyahamba ibhekile yomgwebo kaNdikhoyo;yofika nakuwe,ubungangamsha bakho bugutyungelwe lihlazo.
17 Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela;uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana.Kaloku uliphalazile igazi labantu;ewe, uyitshabalalisile imihlaba,wabhuq' iidolophu nabemi bazo.
18 “Unaxabiso lini umfanekiso,into eqingqwe yingcibi?Sinceda ntoni isithixo esifundisa inkohliso?Umenzi waso uqamela ngobuchule,aze enze into engathethiyo.
19 Mawoo kothi emthini: ‘Vuka!’othetha nelitye elifileyo, athi: ‘Phakama!’Ungakufundisa ntoni umfanekiso,into etyatyekwa ngegolide nesiliva?Hayi, ayinamphefumlo tu!
20 Ke yena uNdikhoyo usendlwini yakhe engcwele;malithi cwaka phambi kwakhe lonke ihlabathi.”