5 Yona iwayini iyakhohlisa;umntu imenza azidle angazinzi.Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,nqwa nokufa soze ahluthe,nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,azibuthele kuye izizwe zonke.
6 “Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,bahlekise ngaye bemenza isigculelo,besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!Yaz'ba koda kube nini na kunje?’
7 Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;bokujikela bakutsho ungcangcazele,ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.
8 Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.Kaloku uliphalazile igazi lomntu;ewe, uyitshabalisile imihlaba,wabhuq' iidolophu nabemi bazo.
9 “Mawoo kowakha umzi ngenzuzo yobuqhophololo,ayimise indlu yakhe kwiindawo eziphezuluukuze asinde nakweyiphi inkxwaleko.
10 Uzifuthele imbubho izizwe ezininzi,nkqu nendlu yakho wayigalela ngehlazo,wabeka ubomi bakho esichengeni.
11 Amatye odonga osuka abhomboloze,imiqadi yophahla ithelele.