1 Nanku umthandazo *womshumayeli uHabhakuki; uvunywa okwesililo.
2 *Ndikhoyo, ndiluvile udaba olungawe;ewe, ndithe khamnqa zizenzo zakho.Nakule mihla yethu khawuhlaziye loo misebenzi yakho yamandulo;ewe, ukusebenza kwakhomakubonakale nakule yethu iminyaka.Nokuba unomsindo, mus' ukuyilibala inceba yakho.
3 UThixo uyeza ephuma eTeman;uYedwa uvela kwintaba iParan.Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;ihlabathi lizele ludumo lwakhe.
4 Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;isandla sakhe siphanjwa yimitha;azimel' apho amandla akhe.
5 Yaba sisibetho phambi kwakhe;emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.
6 Uthi angema lishukum' ihlabathi,azijonge zitsho zinkwantye izizwe.Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;iinduli zakudala zona ziyatshona.Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.
7 Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.