3 UThixo uyeza ephuma eTeman;uYedwa uvela kwintaba iParan.Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;ihlabathi lizele ludumo lwakhe.
4 Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;isandla sakhe siphanjwa yimitha;azimel' apho amandla akhe.
5 Yaba sisibetho phambi kwakhe;emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.
6 Uthi angema lishukum' ihlabathi,azijonge zitsho zinkwantye izizwe.Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;iinduli zakudala zona ziyatshona.Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.
7 Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.
8 Ucatshukiswa yimilambo na, Ndikhoyo?Ngaba uqunjiswa ziintlambo na?Ngaba wenziwa umsindo lulwandle na,le nto uqhuba amahashe akho nje,ukhwele kwiinqwelo zakho zoloyiso?
9 Wena utyhila isaphetha sakho,uziqinise ngeziqalekiso iintolo zakho,ihlabathi uliphambe ngemilambo.