2 Naso sihlwahlwaz' isabhokhwe,atsho akraxalaza namavili.Ewe, ayagqabadul' amahashe;zigoqoza ngamandla iinqwelo.
3 Umkhosi wabamahashe ugalelekile,utsho ngaloo makrele akhazimlayo.Hayi ukumenyezela kwemikhonto!Ewe, kujub' ugodo ngapha nangapha.Hayi, akuzidumbu zibelekene!Yinyambalala imizimba yabafi;uba ngahamba ukhubeka kuyo.
4 Yonke loo nto kukuphum' izandla kobuhenyu behenyukazi elinombizane,igcisa lemilingo elazikhobozayo izizwe,ngobuthi balo lazichan' iintlanga.
5 Nanku umlomo kaNdikhoyo onamandla onke:“Ndichasene nawe, Niniva!Ndokuhluba izambatho zakho ziye kufika ebusweni,iintlanga ndizivezele ubuze bakho,izikumkani zilibone ihlazo lakho.
6 Ndiza kukubhaxeka ngobunyhuku-nyhuku,Ewe, ndokuphatha ngolunya,ndikutsho ube sisigculelo.
7 Abakubonayo bongcachela phaya,besithi: ‘Kaloku iNiniva seyingamabhodlo.Yaz'ba ingalilelwa ngubani na?Ndingambhaqa phi onokukuthuthuzela?’ ”
8 Ngaba wena ungcono kuneNo-amoneyayimi phezu kweNayile,leyo yayijikelezwe ngamanziafana nolwandle olulixhadi layo,manzi lawo aludonga lwayo?