1 Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini.
2 Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon noKiliyon. BabengamaEfrayim awayemi eBhetelehem kwaJuda, baza baya kuma elizweni laseMowabhi.
3 Waza ke uElimeleki indoda kaNawomi wasweleka, uNawomi wasala noonyana bakhe bobabini,
4 ababetshathe iintombi zamaMowabhi. Inkulu yayizeke uOrpa, inci izeke uRute. Bahlala khona iminyaka emalunga neshumi,
5 basweleka nabo ooMalon noKiliyon, wasala uNawomi engumhlolokazi engasenandoda nanyana.
6 Akuva uNawomi ukuba *uNdikhoyo ubabonelele abantu bakhe ngesivuno esihle, uye walungiselela ukuya kowabo kunye noomolokazana bakhe ababini.
7 Wayishiya loo ndawo wayehlala kuyo, wanduluka kunye noomolokazana bakhe, wangena endleleni esinga kwilizwe lakwaJuda.