8 Wavakala esithi uNawomi koomolokazana bakhe: “Buyelani kumakhaya enu. Ubenga uNdikhoyo anganenzela izibele njengoko benisenza kum nakwabo basishiyileyo.
9 Ubenga uNdikhoyo anganinika indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe.”UNawomi wabanga ebabulisa. Kodwa bona basuka basitsho isikhalo,
10 bathi: “Hayi, nakanjani siza kuya kowenu kunye nawe!”
11 “Hayini, zintombi zam, godukani,” watsho uNawomi. “Kutheni nafuna ukuhamba nam? Niba ndingabe ndiphinde ndizale oonyana, nize nina nibe ngabafazi babo?
12 Hayi bo, godukani, zintombi zam; noko sendaluphele ngoku ukuba ndingabuye ndende. Kambe ke nokuba bendisenalo ithemba ndide mhlawumbi ndende nokwenda ngokuhlwanje, ndide ndizale noonyana,
13 beningade nilinde bade bakhule, ningendeli kwabanye abantu? Hayi, zintombi zam, imeko yam ikrakra kuneyenu, kuba mna uNdikhoyo ngathi undifulathele.”
14 Babuya bathathisa kwakhona ukukhala oomolokazana bakaNawomi. UOrpa wamanga embulisa uninazala, kodwa yena uRute wathana nca noNawomi.