5 Emva koko uBhowazi ubuze kwinduna ephethe abavuni, wathi: “Kanene yintombi yasemanini leya ndiyibonayo?”
6 Yona ithe: “NgumMowabhikazi lowa, lo ufike noNawomi ukubuya kwakhe kwelamaMowabhi.
7 Ucele ukuba ndimvumele abhikice, akhwahlaze phakathi kwezithungu, elandela abavuni. Kudala elapha; akakhange aphumle oko kusile – usandula ukuyeka ngoku umbona ehleli phaya endaweni yokuphumla nje.”
8 UBhowazi wathi kuRute: “Uyabona ke, ntombi yam, uzungemki apha, ungabi saya kubhikica kumasimi abanye abantu. Uze uncamathele kwiintombi ezi zisebenza kula masimi am.
9 Uze uzilandele, ubhikice apho zivuna khona. Ndibaxelele abafana aba ukuba bangakukhathazi. Ukuba unxaniwe uze uye kusela kwezaa ngqayi zamanzi akhiwe ngabafana.”
10 Waqubuda phambi koBhowazi uRute, wathi: “Mhlekazi, ngani ukuba undenzele ububele obungaka undihoye ndingowelinye ilizwe nje?”
11 UBhowazi wathi: “Ndivile ngawe ukuba ubumphethe kakuhle unyoko-zala, naxa umyeni wakho selengasekho. Ude washiya uyihlo nonyoko, nditsho namawenu la embala, weza kuhlala phakathi kwabantu obungazani nabo.