12 Yinyaniso ukuba ndisisizalwana esisondeleyo, kodwa ke kukho esinye isizalwane esingumkhululi esisondeleyo kuwe ngaphezu kwam.
13 Lala apha obu busuku. Kusasa ngomso siya kuva kuye ukuba uya kuncedwa nguye na okanye hayi. Ukuba ùza kukhululwa nguye, koba kulungile; kanti ke xa kungenjalo, ndifunga uNdikhoyo ongasoze afe, ndim oya kukukhulula. Lala ke, ntombi yam, kude kube kusasa.”
14 Wangqengqa apho ke uRute ngasezinyaweni zikaBhowazi. Uvuke kunye neenkuku, bengekabi namanakani abantu, kuba kaloku uBhowazi wayethe: “Mayingaziwa bani into yokuba umntu obhinqileyo ukhe walala esandeni.”
15 UBhowazi wathi kuRute: “Yiza nengubo oyambetheyo, ukhongozele,” waza wagalela kuyo ingqolowa eninzi (malunga namashumi amabini eekhilogram) wamthwalisa wabuyela edolophini.
16 Akufika ekhaya uRute, uninazala uNawomi umbuze wathi: “Kwehla ntoni ke, mntwan' am?”URute wabalisa konke okwenziwe nguBhowazi.
17 Watsho nokuthi: “Undiphe nale ngqolowa ingaka, esithi: ‘Mawungabuyeli kunyoko-zala ulambatha.’ ”
18 UNawomi wathi: “Linda, mntan' am, kude kucace okuza kwenzeka; indoda leyo ayiyi kuphumla lo mcimbi ungafikanga esiphelweni sawo.”