3 Wena ke uze uhlambe, uziqhole, wambathe kakuhle, wandule ke ukuya esandeni sakhe. Kodwa ke uze ungazivezi kuye de agqibe isidlo sakhe.
4 Xa eya kulala uze uqaphele apho aya kulala khona, uye kutyhila ingubo, ungqengqe ngasezinyaweni zakhe. Yena ke wokuxelela ukuba makuthiweni na.”
5 URute wathi ku ninazala: “Ndokwenza konke ondixeleleyo.”
6 Wahamba ke uRute, waya esandeni, wafika wenza njengoko uninazala wayemyalele.
7 Emva kwesidlo sakhe, kunye nezinto zokusithoba zakhona, uBhowazi waziva echulumacha. Wahamba waya kulala emazantsi esitha. Walandela uRute, echwechwa, wafika watyhila ingubo ngasezinyaweni zikaBhowazi, wangqengqa.
8 Ezinzulwini zobusuku uBhowazi wothuka, weva ngesandla ukuba kukho umntu obhinqileyo ongqengqe ngasezinyaweni zakhe.
9 Wambuza wathi: “Ungubani?”Waphendula yena wathi: “Ndim, mhlekazi, uRute isicakakazi sakho. Ndikhusele phantsi kwamaphiko akho. Kaloku wena usisizalwane esijonge kuso njengomkhululi.”