6 Wahamba ke uRute, waya esandeni, wafika wenza njengoko uninazala wayemyalele.
7 Emva kwesidlo sakhe, kunye nezinto zokusithoba zakhona, uBhowazi waziva echulumacha. Wahamba waya kulala emazantsi esitha. Walandela uRute, echwechwa, wafika watyhila ingubo ngasezinyaweni zikaBhowazi, wangqengqa.
8 Ezinzulwini zobusuku uBhowazi wothuka, weva ngesandla ukuba kukho umntu obhinqileyo ongqengqe ngasezinyaweni zakhe.
9 Wambuza wathi: “Ungubani?”Waphendula yena wathi: “Ndim, mhlekazi, uRute isicakakazi sakho. Ndikhusele phantsi kwamaphiko akho. Kaloku wena usisizalwane esijonge kuso njengomkhululi.”
10 “*UNdikhoyo makakuthamsanqelise, ntombi yam,” watsho uBhowazi. “Ubonakalisa intembeko engaphezulu kuleya yangaphambili. Akuzifunelanga umyeni osemtsha – nokuba ngosisityebi, nokuba ngongesiso.
11 Thoba uvalo ke, ntombi yam. Yonke into oyifunayo ndoyenza, kuba kaloku nkqu nomzi uphela uyazi ukuba ungumfazi onesidima.
12 Yinyaniso ukuba ndisisizalwana esisondeleyo, kodwa ke kukho esinye isizalwane esingumkhululi esisondeleyo kuwe ngaphezu kwam.