1 Wenjenjeya uBhowazi ukusinga kwindawo yembizo ngasemasangweni omzi, wafika wahlala phantsi. Esahleli apho, kwathi gqi isizalwana sikaElimeleki esingumkhululi, esiya wayethethe ngaso kuRute, wasibiza esithi: “Khawuz' apha, mfondini, uhlale phantsi.”Siyile ke, safika sahlala phantsi,
2 waza uBhowazi wabiza ishumi lamadoda amakhulu omzi, wathi kuwo: “Khanikhe nithi nqwadalala apha.” Enjenjalo ke.
3 UBhowazi wabhekisa kwisizalwana sakhe esingumkhululi wenjenje: “UNawomi obuyileyo eMowabhi ufuna ukuwuthengisa lowa mhlaba womntakwethu uElimeleki.
4 Ndithe lo mbandela ndokha ndiwuphalaze kuwe apha phambi kwaba bantu balapha kunye nala madoda makhulu akowethu, ndiqonde ukuba uyawuthatha na. Ukuba uyawuthatha, wuthathe; kodwa ukuba akuwuthathi, ndixelele. Kaloku akukho mntu unelungelo ngaphezu kwakho; nkqu nam ndilandela wena.”“Hayi, ndiza kuyithatha loo ntsimi,” watsho loo mfo.
5 UBhowazi wathi: “Uze uqonde ukuba mhla wathatha laa ntsimi kuNawomi uthatha noRute, umka-mfi, ukuze lingaze licime igama lakhe kwilifa lakhe.”
6 Uthe loo mfo: “Xa kunjalo ke mna andizi kuyithatha loo ntsimi, kuba ndiya kuba ndizifaka engxakini yokubeka umzi wam esichengeni. Ungayithatha wena; mna andinako.”
7 Ngaloo maxesha xa kuthengiswa okanye kunananiselwana umthengisi wayekhulula imbadada, anike umthengi. Ayebonakalisa ngaloo ndlela amaSirayeli ukuba umcimbi ugqityiwe.