14 Abafazi balapho bathi kuNawomi: “Makabongwe uNdikhoyo ngokukupha umzukulwana onokujonga kuye! Belinga lingaba nodumo igama lakhe kwaSirayeli!
15 Uya kubuhlaziya ubomi bakho, akulondoloze ekwaluphaleni kwakho. Umzalelwe ngumolokazana wakho okuthandayo noxabiso lakhe kuwe ligqitha ixabiso loonyana abasixhenxe.”
16 Wamfunqula loo mntwana uNawomi, wamsingatha, waba yimpelesi yakhe.
17 Abafazi balapho bathi: “UNawomi unomntwana oyinkwenkwe.” Baza bamthiya igama, bathi nguObhedi.UObhedi yena ngulo wazala uJese uyise kaDavide.
18 Nguwo ke lo umlibo osuka kuPerezi use kuDavide: UPerezi uzele uHezeron; uHezeron uzele uRam;
19 uRam uzele uAminadabhi;
20 uAminadabhi uzele uNashon; uNashon uzele uSalman;