12 Aba bantu bayazixabhela izidlo zenu. Kaloku bangena kuzo beziindlobongela zeendlavini, ezingakhathalele mntu ngaphandle kweziqu zazo. Bafana neengqimba zamafu aphehluzeliswa ngumoya, engezi nayo namvula. Bayimithi engathwali ziqhamo nasekwindla. Bafana nemithi enqukrulwe neengcambu yaza yatshabalala.