21 Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
22 Velanani nabo abathandabuzayo;
23 abanye nibarhiwule ngathi nibakhupha emlilweni, nibasindise. Kwabanye inceba yenu yixubeni noloyiko. Kaloku kufuneka nithiye kwanempahla le yomntu odyojwe kukungcola kwesimo sakhe esonakeleyo.
24 Ke kaloku, kulowo unako ukunigcina ningawi, aze animise ebuqaqawulini bakhe ningenabala, nichulumacha,
25 ewe, kuThixo okukuphela kwakhe, uMsindisi wethu ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu, makubekho isidima nobungangamsha, amandla namagunya, kusukela ephakadeni, nanamhlanje, nanini-nanini na! *Amen!