1 Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.
2 Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndiboné inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.
3 Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndízekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.
4 Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.